Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 21:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. UManase wayeneshumi elinesibini leminyaka ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mahlanu anesihlanu. Unina yayinguHefezibha.

2. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, wasuka wahamba ekhondweni lemikhwa emasikizi yezo zizwe wazigxothayo uNdikhoyo phambi kwamaSirayeli.

3. Iindawo zonqulo eziphakamileyo awazitshitshisayo uyise uHezekiya, yena wabuya wazivusa, kananjalo wakhela noBhali amaqonga, wenza nentsika ka-Ashera, kanye ngendlela awayenze ngayo uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli. Wayequbuda nakwiindidi zonke zeenkwenkwezi ezinqula.

4. Wakha amaqonga endlwini kaNdikhoyo, nangona uNdikhoyo wayeyalele wathi: “Igama lam ndolimisa eJerusalem.”

5. Kuzo zombini iinkundla endlwini kaNdikhoyo wakhela iinkwenkwezi amaqonga.

6. Unyana wakhe wamfaka emlilweni, esenza idini ngaye. Wayethe phithi yimilingo nokuvumisa, ehamba kumagqirha noosiyazi. Wayegqithisile ukwenza ububi emehlweni *kaNdikhoyo, emqumbisa.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 21