Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 21:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. UManase wayeneshumi elinesibini leminyaka ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mahlanu anesihlanu. Unina yayinguHefezibha.

2. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, wasuka wahamba ekhondweni lemikhwa emasikizi yezo zizwe wazigxothayo uNdikhoyo phambi kwamaSirayeli.

3. Iindawo zonqulo eziphakamileyo awazitshitshisayo uyise uHezekiya, yena wabuya wazivusa, kananjalo wakhela noBhali amaqonga, wenza nentsika ka-Ashera, kanye ngendlela awayenze ngayo uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli. Wayequbuda nakwiindidi zonke zeenkwenkwezi ezinqula.

4. Wakha amaqonga endlwini kaNdikhoyo, nangona uNdikhoyo wayeyalele wathi: “Igama lam ndolimisa eJerusalem.”

5. Kuzo zombini iinkundla endlwini kaNdikhoyo wakhela iinkwenkwezi amaqonga.

6. Unyana wakhe wamfaka emlilweni, esenza idini ngaye. Wayethe phithi yimilingo nokuvumisa, ehamba kumagqirha noosiyazi. Wayegqithisile ukwenza ububi emehlweni *kaNdikhoyo, emqumbisa.

7. Wathatha intsika ka-Ashera awayeyikrolile, wayifaka endlwini kaThixo, ukanti ke uNdikhoyo wayemyalile uDavide ndawonye noSolomon unyana wakhe, wathi: “Igama lam ndolimisa kude kube ngunaphakade apha kule ndlu eJerusalem, ndawo leyo ndayinyulayo phakathi kwazo zonke izindlu zikaSirayeli.

8. Ukuba amaSirayeli abe nenyameko, akwenza konke endiwayalele kona, awuthobela wonke umthetho awawunikwa sisicaka sam uMosis, mna andisoze ndibuye ndiwenze abhadule emke kweli lizwe ndalinika ooyise.”

9. Kodwa akaphulaphulanga, kuba uManase wawalahlekisa ngangokuba wada wabalasela ekwenzeni ububi kunezo zizwe wazitshabalalisayo uNdikhoyo phambi kwamaSirayeli.

10. UNdikhoyo wathetha ngomlomo wezicaka zakhe *abashumayeli, wathi:

11. “UManase ukumkani wakwaJuda wenze izono ezilumezayo. Yena ubalasele ekwenzeni okubi kunawo nama-Amori awayelapho ngaphambi kwakhe. Ngale mifanekiso yakhe uJuda umlukuhlele esonweni.

12. Ngoko ke uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, utsho ukuthi: ‘Niyabona, iJerusalem ndawonye noJuda ndiza kuyithobela isithwakumbe esiya kubetha zithi nzwii iindlebe zakhe wonke umntu ophulaphuleyo.

13. Apha phezu kweJerusalem ndiza kuthoba isohlwayo esifana neso ndayohlwaya ngaso iSamariya kunye nendlu ka-Ahabhi. IJerusalem ndoyitshabalalisa ndiyibhukuqe oku komntu osula isitya aze asiphethule.

14. Ndosuka ndiwabukule amasalela alilifa lam; ewe, ndowanikezela ezandleni zeentshaba zawo. Aya kuxhatshazwa abhunculwe ziintshaba zawo.

15. Kaloku wona asuke enza okubi emehlweni am, awuxhokonxa umsindo wam, nto leyo ke yenzeka kwamhla bâphuma ooyise eJiputa kude kube namhla.’ ”

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 21