Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 15:5-22 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ukumkani lowo ke wabandezelwa *ngeqhenqa nguNdikhoyo, sifo eso samthi nca wada wasweleka, ehlala endlwini yakhe yedwa. Ke uYotam, unyana kakumkani lowo, yaba nguye olawulayo apho komkhulu, inguye nophicotha imicimbi yabantu jikele.

6. Ezinye zeziganeko zolawulo luka-Azariya, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

7. UAzariya waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. Endaweni yakhe kwangena uYotam unyana wakhe.

8. Ngonyaka wamashumi amathathu anesibhozo uAzariya engukumkani wakwaJuda, uZakariya unyana kaJerobhowam waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya isithuba seenyanga ezintandathu.

9. Naye wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengooyise. Zange ashenxe kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo.

10. Ke kaloku uShalum unyana kaYabheshe wamenzela iyelenqe uZakariya. Wamhlasela phambi kwabantu wambulala, waza wangena ezihlangwini zakhe wangukumkani.

11. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaZakariya nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

12. Lazaliseka ke ilizwi likaNdikhoyo awalithetha kuYehu lisithi: “Indlu yakho iya kumlawula uSirayeli kude kube sisizukulwana sesine.”

13. Ke kaloku uShalum unyana kaYabheshe waba ngukumkani wakwaSirayeli kunyaka wamashumi amathathu anethoba u-Uziya engukumkani wakwaJuda, walawula inyanga yanye eSamariya.

14. Kwasuka uMenahem unyana kaGadi eTirza, waya eSamariya, wafika wahlasela uShalum, unyana kaYabheshe, wambulala, waza wangena esikhundleni sakhe.

15. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaShalum, neyelenqe awaliqulunqayo, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

16. Ngelo xesha ke uMenahem wasuka eTirza, wahlasela iTifesa nabo bonke ababekweso sixeko nemimandla. Kaloku bona basuka bala ukuvula amasanga abo bezinikezela kuye. Wavuthulula bonke apho, wada wagrabhuza nabafazi abakhulelweyo.

17. Kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anethoba uAzariya elawula kwaJuda, uMenahem unyana kaGadi waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula eSamariya ishumi leminyaka.

18. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo. Ngalo lonke ithuba lombuso wakhe akashenxanga kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela uSirayeli kuzo.

19. Ke kaloku uPuli ukumkani waseAsiriya wahlasela uSirayeli, waza ke uMenahem wamnika amashumi amathathu anesine amawaka eekhilogram zesiliva ukuze amxhase, futhi abe nokumila embusweni wakhe.

20. Le mali ke uMenahem wayibiza ebantwini abazizityebi. Wonke umntu omi kakuhle wayekhupha amashumi amahlanu eesiliva ukuze kurhunywe kukumkani waseAsiriya. Ngoko ke ukumkani waseAsiriya warhoxa emhlabeni wakwaSirayeli.

21. Ezinye zeziganeko zolawulo lukaMenahem nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

22. UMenahem waya kuphumla nooyise, kwaza ke esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uPekaya.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 15