Ngelo xesha ke uMenahem wasuka eTirza, wahlasela iTifesa nabo bonke ababekweso sixeko nemimandla. Kaloku bona basuka bala ukuvula amasanga abo bezinikezela kuye. Wavuthulula bonke apho, wada wagrabhuza nabafazi abakhulelweyo.