Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 15:26-38 Ibhayibhile (XHO96)

26. Ezinye zeziganeko zolawulo lukaPekaya nayo yonke imisebenzi yakhe nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

27. Ngonyaka wamashumi amahlanu anambini elawula uAzariya kwelakwaJuda, uPeka unyana kaRemaliya waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula eSamariya iminyaka emashumi mabini.

28. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo; zange ashenxe kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo wawalukuhlela kuzo amaSirayeli.

29. Ngexesha likaPeka, ukumkani wakwaSirayeli, ukumkani waseAsiriya uTigelate-pilezere weza wafika wathimba i-Iyon, iAbhele-bhete-mahaka, iYanowa, iKedeshe, neHazore. Wayithimba neGiliyadi ndawonye neGalili (lonke elikaNafetali), waza abemi wabafudusela eAsiriya.

30. Ke uHosheya unyana kaEla wamenzela iyelenqe uPeka unyana kaRemaliya. Suka wamhlasela wambulala, waza wangukumkani esikhundleni sakhe xa uYotam unyana kaUziya wayekunyaka wamashumi amabini elawula kwaJuda.

31. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaPeka, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

32. Ngonyaka wesibini kaPeka unyana kaRemaliya ukumkani wakwaSirayeli, uYotam unyana kaUziya wakwaJuda waqalisa ukulawula.

33. Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinesithandathu. Unina yayinguJerusha intombi kaZadoki.

34. Naye njengoyise u-Uziya wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo.

35. Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zibhangiswe, abantu baqhubela phambili besenza amadini neziqhumiso apho kuzo. UYotam wabuya walakha iSango laseNtla lendlu kaNdikhoyo.

36. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaYotam, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

37. Ngaloo mihla uNdikhoyo waxhokonxa uRezin ukumkani waseSiriya, ndawonye noPeka unyana kaRemaliya, baza bahlasela uJuda.

38. UYotam ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide uyise. Ke uAhazi unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 15