Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 15:20-36 Ibhayibhile (XHO96)

20. Le mali ke uMenahem wayibiza ebantwini abazizityebi. Wonke umntu omi kakuhle wayekhupha amashumi amahlanu eesiliva ukuze kurhunywe kukumkani waseAsiriya. Ngoko ke ukumkani waseAsiriya warhoxa emhlabeni wakwaSirayeli.

21. Ezinye zeziganeko zolawulo lukaMenahem nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

22. UMenahem waya kuphumla nooyise, kwaza ke esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uPekaya.

23. Ngonyaka wamashumi amahlanu elawula kwaJuda uAzariya, uPekaya unyana kaMenahem waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya, waza walawula iminyaka emibini.

24. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo uPekaya. Akashenxanga kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo.

25. Elinye lamaphakathi akhe injengele uPeka unyana kaRemaliya wamenzela iyelenqe. Wathatha amashumi amahlanu kumadoda aseGiliyadi, waza wambulala uPekaya ndawonye noArgobhi noAriye enqabeni yebhotwe lakomkhulu eSamariya. Ewe, uPeka wambulala uPekaya, waza ke wangena esikhundleni sakhe.

26. Ezinye zeziganeko zolawulo lukaPekaya nayo yonke imisebenzi yakhe nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

27. Ngonyaka wamashumi amahlanu anambini elawula uAzariya kwelakwaJuda, uPeka unyana kaRemaliya waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula eSamariya iminyaka emashumi mabini.

28. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo; zange ashenxe kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo wawalukuhlela kuzo amaSirayeli.

29. Ngexesha likaPeka, ukumkani wakwaSirayeli, ukumkani waseAsiriya uTigelate-pilezere weza wafika wathimba i-Iyon, iAbhele-bhete-mahaka, iYanowa, iKedeshe, neHazore. Wayithimba neGiliyadi ndawonye neGalili (lonke elikaNafetali), waza abemi wabafudusela eAsiriya.

30. Ke uHosheya unyana kaEla wamenzela iyelenqe uPeka unyana kaRemaliya. Suka wamhlasela wambulala, waza wangukumkani esikhundleni sakhe xa uYotam unyana kaUziya wayekunyaka wamashumi amabini elawula kwaJuda.

31. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaPeka, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

32. Ngonyaka wesibini kaPeka unyana kaRemaliya ukumkani wakwaSirayeli, uYotam unyana kaUziya wakwaJuda waqalisa ukulawula.

33. Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinesithandathu. Unina yayinguJerusha intombi kaZadoki.

34. Naye njengoyise u-Uziya wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo.

35. Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zibhangiswe, abantu baqhubela phambili besenza amadini neziqhumiso apho kuzo. UYotam wabuya walakha iSango laseNtla lendlu kaNdikhoyo.

36. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaYotam, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 15