Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 15:13-24 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ke kaloku uShalum unyana kaYabheshe waba ngukumkani wakwaSirayeli kunyaka wamashumi amathathu anethoba u-Uziya engukumkani wakwaJuda, walawula inyanga yanye eSamariya.

14. Kwasuka uMenahem unyana kaGadi eTirza, waya eSamariya, wafika wahlasela uShalum, unyana kaYabheshe, wambulala, waza wangena esikhundleni sakhe.

15. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaShalum, neyelenqe awaliqulunqayo, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

16. Ngelo xesha ke uMenahem wasuka eTirza, wahlasela iTifesa nabo bonke ababekweso sixeko nemimandla. Kaloku bona basuka bala ukuvula amasanga abo bezinikezela kuye. Wavuthulula bonke apho, wada wagrabhuza nabafazi abakhulelweyo.

17. Kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anethoba uAzariya elawula kwaJuda, uMenahem unyana kaGadi waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula eSamariya ishumi leminyaka.

18. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo. Ngalo lonke ithuba lombuso wakhe akashenxanga kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela uSirayeli kuzo.

19. Ke kaloku uPuli ukumkani waseAsiriya wahlasela uSirayeli, waza ke uMenahem wamnika amashumi amathathu anesine amawaka eekhilogram zesiliva ukuze amxhase, futhi abe nokumila embusweni wakhe.

20. Le mali ke uMenahem wayibiza ebantwini abazizityebi. Wonke umntu omi kakuhle wayekhupha amashumi amahlanu eesiliva ukuze kurhunywe kukumkani waseAsiriya. Ngoko ke ukumkani waseAsiriya warhoxa emhlabeni wakwaSirayeli.

21. Ezinye zeziganeko zolawulo lukaMenahem nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

22. UMenahem waya kuphumla nooyise, kwaza ke esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uPekaya.

23. Ngonyaka wamashumi amahlanu elawula kwaJuda uAzariya, uPekaya unyana kaMenahem waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya, waza walawula iminyaka emibini.

24. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo uPekaya. Akashenxanga kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 15