Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 14:23-29 Ibhayibhile (XHO96)

23. Kwathi ngonyaka weshumi elinesihlanu elawula uAmaziya unyana kaYowashe ukumkani wakwaJuda, uJerobhowam unyana kaYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waba ngukumkani eSamariya, waza walawula iminyaka emashumi mane ananye.

24. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, kuba akashenxanga nakwesinye kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo.

25. Nguye owabuyisela imida yelakwaSirayeli ukusukela kwinkalo yeHamati ukuya kuLwandle oluFileyo, ngokwelizwi likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli elo walithetha ngesicaka sakhe uJona unyana ka-Amitayi umshumayeli waseGati-hefere.

26. Ke kaloku uNdikhoyo wabubona ubuhlungu awayekubo amaSirayeli ephela, akhululekileyo namakhoboka. Ewe, ayebandezelekile kungekho bani wokuwasiza.

27. Ukanti ke uNdikhoyo wayengatshongo ukuba uya kulibhangisa kuphele igama likaSirayeli ehlabathini, ngoko ke wamhlangula uSirayeli ngesandla sikaJerobhowam unyana kaYehowashe.

28. Ezinye zeziganeko zolawulo lukaJerobhowam nemisebenzi nemizabalazo yakhe kwezemfazwe, ndawonye nendlela awayibuyisela kuSirayeli ngayo iDamasko neHamati, ndawo ezo yayizezakwaJuda, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

29. UJerobhowam waya kuphumla kooyise, ookumkani bakwaSirayeli, kwaza ke esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uZakariya.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 14