Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 14:20-27 Ibhayibhile (XHO96)

20. Wabuyiswa ngehashe, waza wangcwatyelwa eJerusalem phakathi kooyise kwisixeko sikaDavide.

21. Ke amaJuda xa ewonke athatha uAzariya, ambeka wangukumkani esikhundleni sikayise uAmaziya. UAzariya lo ke wayeneminyaka elishumi elinesithandathu ezelwe.

22. Nguye owayakhayo ngokutsha iElati, waza wayibuyisela kuJuda emva kokusweleka kuka-Amaziya.

23. Kwathi ngonyaka weshumi elinesihlanu elawula uAmaziya unyana kaYowashe ukumkani wakwaJuda, uJerobhowam unyana kaYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waba ngukumkani eSamariya, waza walawula iminyaka emashumi mane ananye.

24. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, kuba akashenxanga nakwesinye kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo.

25. Nguye owabuyisela imida yelakwaSirayeli ukusukela kwinkalo yeHamati ukuya kuLwandle oluFileyo, ngokwelizwi likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli elo walithetha ngesicaka sakhe uJona unyana ka-Amitayi umshumayeli waseGati-hefere.

26. Ke kaloku uNdikhoyo wabubona ubuhlungu awayekubo amaSirayeli ephela, akhululekileyo namakhoboka. Ewe, ayebandezelekile kungekho bani wokuwasiza.

27. Ukanti ke uNdikhoyo wayengatshongo ukuba uya kulibhangisa kuphele igama likaSirayeli ehlabathini, ngoko ke wamhlangula uSirayeli ngesandla sikaJerobhowam unyana kaYehowashe.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 14