Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 34:15-26 Ibhayibhile (XHO96)

15. UHilekiya wathetha noShafan unobhala, wathi: “Apha endlwini kaNdikhoyo ndiyifumene incwadi yomthetho.” Waza ke wayinika uShafan.

16. UShafan ke incwadi leyo wayisa kukumkani, wamazisa wathi: “Izicaka zakho ziyakwenza konke ezikuthunyiweyo.

17. Imali ebisendlwini kaNdikhoyo ziyithathile zayinikezela kubaveleli babasebenzi.”

18. Waza ke unobhala uShafan waxelela ukumkani wathi: “Umbingeleli uHilekiya undinike incwadi.” Wandula ke uShafan ukufundela ukumkani incwadi leyo.

19. Akuweva ke amazwi omthetho lowo, ukumkani wasuka wazikrazula izambatho zakhe.

20. Wayalela uHilekiya, uAhikam unyana kaShafan, uAbhedon unyana kaMika, unobhala uShafan, noAsayi intong' esekhosi kakumkani, wathi:

21. “Hambani niye kubuzisa kuNdikhoyo malunga nam namasalela kaSirayeli noJuda, malunga noko kubhaliweyo kule ncwadi ivelileyo. Ayinganganto ingqumbo kaNdikhoyo ayiphokozele phezu kwethu, kuba oobawo abawathobelanga amazwi kaNdikhoyo, abaziphathanga ngokwala mazwi abhalwe kule ncwadi.”

22. Ke kaloku uHilekiya nâbo wayethunywe nabo ngukumkani baya *kumshumayeli obhinqileyo uHulda, owayengumfazi kaShulam unyana kaTokati, kaHasera umgcini-wegumbi lezambatho. Yena ke wayehlala eJerusalem kwisithili sesibini.

23. Wathetha nabo wathi: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: Mxelele loo mntu unithumileyo nithi:

24. ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Uyabona, le ndawo, ikunye nabantu bayo, ndiza kuyizisela isithwakumbe. Ziza kuwa phezu kwayo zonke iziqalekiso ezibhaliweyo kule ncwadi ayifundelweyo ukumkani wakwaJuda.

25. Kaloku bandishiyile, baza benzela abanye *oothixo iziqhumiso. Ewe, bawuxhokonxile umsindo wam ngezi zinto bazenze ngezandla zabo. Ingqumbo yam iza kuwa phezu kwale ndawo, ingabi nakucimeka.’

26. Ukumkani wakwaJuda onithume ukuza kubuzisa kuNdikhoyo mxeleleni nithi: ‘Mayela namazwi owevileyo utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi:

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 34