Ke kaloku uHilekiya nâbo wayethunywe nabo ngukumkani baya *kumshumayeli obhinqileyo uHulda, owayengumfazi kaShulam unyana kaTokati, kaHasera umgcini-wegumbi lezambatho. Yena ke wayehlala eJerusalem kwisithili sesibini.