Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 29:29-36 Ibhayibhile (XHO96)

29. Lakugqitywa ke elo dini litshiswayo ukumkani naye wonke umntu owayelapho baguqa benqula.

30. Ukumkani uHezekiya enamaphakathi bayalela abaLevi ukuba badumise uNdikhoyo ngamazwi kaDavide kunye nawemboni uAsafu. Ngoko ke batsho ngentswahla bedumisa ngovuyo olukhulu, baza ke bakhahlela benqula.

31. Wathi ke ukumkani uHezekiya: “Ngoku ke nizinikezele kuNdikhoyo. Ngoko ke zisani amadini neminikelo yokubulela endlwini kaNdikhoyo.” Ewe ke, ibandla lawazisa amadini kunye neminikelo yokubulela, baza ke bonke abaqhutywa ziintliziyo zabo benza amadini atshiswayo.

32. Amadini awenziwa libandla elo yayingamashumi asixhenxe eenkunzi zeenkomo, ikhulu leenkunzi zeegusha, namakhulu amabini amaxhwane angamaduna; zizonke ezo zinto zenzelwa uNdikhoyo idini elitshiswayo.

33. Imfuyo eyanikelwa ukwenza amadini yayisisithandathu samakhulu eenkunzi zeenkomo, namawaka amathathu eegusha neebhokhwe.

34. Ababingeleli ke babembalwa ukuhlinza loo madini bebodwa, ngoko ke bancediswa zizizalwana zabo abaLevi, wada wafezeka umcimbi lowo, nangokongezeka kwababingeleli abahlanjululwayo. Kaloku abaLevi bona babekukhuthalele ukuzihlambulula kunababingeleli abo.

35. Ayemaninzi amadini atshiswayo, ngokunjalo namanqatha edini lobudlelwana, nedini elithululwayo elalikhapha loo madini atshiswayo.Ngaloo ndlela ke kwabuyiselwa ukusetyenziswa kwendlu kaNdikhoyo.

36. UHezekiya nabantu bephela yabonwabisa into awabenzela yona uThixo, kuba yonke yenzeka ngokukhawuleza.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 29