Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 29:23-31 Ibhayibhile (XHO96)

23. Iibhokhwe zedini lesono zona zasiwa kukumkani nebandla, baza ke babeka izandla zabo phezu kwazo.

24. Ababingeleli ke bazixhela iibhokhwe ezo, igazi lazo balisa eqongeni laba lidini lesono lokungxengxezela uSirayeli ephela. Kaloku ukumkani wayenze umyalelo mayela nedini elitshiswayo kunye nelesono ngokunxulumene noSirayeli ephela.

25. Ukumkani wamisa abaLevi endlwini kaNdikhoyo bephethe amacangci, iihapu, kunye nemirhubhe, ngalaa ndlela yayimiswe nguDavide, nemboni kakumkani uGadi, noNatan *umshumayeli – ndlela leyo ke yayiyalelwe nguNdikhoyo ngabashumayeli bakhe.

26. Bema ke abaLevi, bephethe ezo zikhalisi zikaDavide, ababingeleli bona bephethe amaxilongo.

27. UHezekiya ke wayalela ukuba kwenziwe idini elitshiswayo apho eqongeni. Lathi ke lakuqaliswa idini elo, yaqalisa nengoma kudunyiswa uNdikhoyo, ikhatshwa ngamaxilongo nezikhalisi zikaDavide ukumkani wakwaSirayeli.

28. Lonke ibandla lakhahlela linqula, zabe nazo iimvumi zisitsho, namaxilongo ngokunjalo. Zaqhuba njalo ke lada lafezeka elo dini litshiswayo.

29. Lakugqitywa ke elo dini litshiswayo ukumkani naye wonke umntu owayelapho baguqa benqula.

30. Ukumkani uHezekiya enamaphakathi bayalela abaLevi ukuba badumise uNdikhoyo ngamazwi kaDavide kunye nawemboni uAsafu. Ngoko ke batsho ngentswahla bedumisa ngovuyo olukhulu, baza ke bakhahlela benqula.

31. Wathi ke ukumkani uHezekiya: “Ngoku ke nizinikezele kuNdikhoyo. Ngoko ke zisani amadini neminikelo yokubulela endlwini kaNdikhoyo.” Ewe ke, ibandla lawazisa amadini kunye neminikelo yokubulela, baza ke bonke abaqhutywa ziintliziyo zabo benza amadini atshiswayo.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 29