UHezekiya ke wayalela ukuba kwenziwe idini elitshiswayo apho eqongeni. Lathi ke lakuqaliswa idini elo, yaqalisa nengoma kudunyiswa uNdikhoyo, ikhatshwa ngamaxilongo nezikhalisi zikaDavide ukumkani wakwaSirayeli.