Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 23:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ngonyaka wesixhenxe uJoyada wabona ukuba lifikile ixesha. Wenza umnqophiso neengqwayi-ngqwayi zamaqela alikhulu: uAzariya unyana kaYehoram, uIshamayeli unyana kaYohanan, uAzariya unyana kaObhedi, uMaseya unyana ka-Adaya, noElishafati unyana kaZikri.

2. Balityhutyha elakwaJuda, baqokelela abaLevi neentloko zazo zonke izindlu zamaSirayeli kuzo zonke iidolophu. Bakufika ke eJerusalem

3. lonke elo bandla lenza umnqophiso nokumkani endlwini kaThixo.Wathi kubo uJoyada: “Unyana kakumkani uza kulawula ngokomlomo *kaNdikhoyo mayela nesizukulwana sikaDavide.

4. Ngoko yenzani le nto: isinye esithathwini sababingeleli nabaLevi abaza kuba semsebenzini *ngoMhla woPhumlo masilinde iminyango;

5. esinye isinye esithathwini apha kuni masibe sebhotwe; size ke esinye sibe seSangweni lesiSeko; aze ke onke amanye amadoda abe sezinkundleni zendlu kaNdikhoyo.

6. Makungabikho mntu ungenayo endlwini kaNdikhoyo ngaphandle kwababingeleli nabaLevi abasebenzayo. Bona bangangena, kuba bahlambulukile, kambe ke bonke abanye mabalinde ngokwezinto abamiselwe zona nguNdikhoyo.

7. AbaLevi bona mabaphahle ukumkani, indoda nganye iphethe isixhobo sayo ngesandla. Nabani na ongenayo endlwini kaThixo makabulawe. Hlalani nikufuphi nokumkani naphi na apho aya khona.”

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 23