Makungabikho mntu ungenayo endlwini kaNdikhoyo ngaphandle kwababingeleli nabaLevi abasebenzayo. Bona bangangena, kuba bahlambulukile, kambe ke bonke abanye mabalinde ngokwezinto abamiselwe zona nguNdikhoyo.