Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 20:7-20 Ibhayibhile (XHO96)

7. Asuka ke amadoda ebutho likaJowabhi, nabalindi abangamaKreti namaPleti, nawo onke amagorha, anduluka eJerusalem, alanda ekhondweni likaShebha unyana kaBhikri.

8. Bathi bakufika ngakwelaa liwa laseGibheyon, bahlangana noAmasa. UJowabhi wayegaxele ezedabi, ikrele lisesingxobeni, sibotshelelwe ebhantini. Uthe akusondela lawa elo krele.

9. UJowabhi wathi kuAmasa: “Uphila njani, mfo wethu?” Wamthi nqaku ngentshebe uAmasa ngesokunene isandla sakhe, eza kumanga.

10. UAmasa wayengalilumkelanga ikrele elalisesandleni sikaJowabhi, wamhlaba ngalo esiswini, wamkhupha amathumbu. Wafa kwangoko, akwafuneka ukuba abuye amhlabe uJowabhi.Basuka apho uJowabhi nomntakwabo uAbhishayi bangena endleleni, belandela uShebha unyana kaBhikri.

11. Enye kulaa madoda ayehamba noJowabhi yasala imi ngakweso sidumbu sika-Amasa, ikhwaza isithi: “Indoda engakwicala likaJowabhi noDavide mayilandele uJowabhi.”

12. Isidumbu sika-Amasa esasilijaja ligazi sasiqungquluze phakathi endleleni. Loo ndoda yathi yakubona amadoda afika eme apho, yasirhuqela entsimini eso sidumbu, yasigquma ngengubo.

13. Emva koko ke wonke umntu walandela uJowabhi, kuzingelwa uShebha unyana kaBhikri.

14. UShebha wawutyhutyha wonke ummandla wezizwe zakwaSirayeli, wada waya kutsho kwidolophu iAbhele-bhete-mahaka, elandelwa nguwo wonke umzi wakwaBhikri.

15. UJowabhi nomkhosi wakhe bamngqinga uShebha apho eAbhele-bhete-mahaka. Benza amanqwanqwa ngomhlaba okuqabela udonga lwangaphandle, bemba ngaphantsi kodonga, befuna ukuluwisa.

16. Kweso sixeko kwakukho umfazi owayehlakaniphile. Wamemeza engaphakathi, wathi: “Khawuphulaphule apha. Nceda undibizele uJowabhi; ndifuna ukuthetha naye.”

17. Efikile uJowabhi, wabuza loo mfazi wathi: “UnguJowabhi?”Wathi: “Ewe, ndinguye.”Umfazi lowo wathi kuye: “Khawuphulaphule ke, mhlekazi, oko isicakazana sakho sikuthethayo.”Yena wathi: “Ewe, qhuba, ndimamele.”

18. Umfazi lowo wathi: “Kudala kwakudla ngokuthiwa: ‘Yiya kwidolophu iAbhele, uye kuvisa khona.’ Yayisenziwa ke loo nto.

19. Le yidolophu exolileyo nethembekileyo kwaSirayeli; kutheni ke ngoku uyidiliza nje, utshabalalisa isixeko esingunozala kuSirayeli? Ngani ukuba ufune ukucima isixeko esililifa *likaNdikhoyo?”

20. Waphendula uJowabhi wathi: “Hayi, andingeke ndisidilize isixeko senu ndisicime.

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 20