Bathi bakufika ngakwelaa liwa laseGibheyon, bahlangana noAmasa. UJowabhi wayegaxele ezedabi, ikrele lisesingxobeni, sibotshelelwe ebhantini. Uthe akusondela lawa elo krele.