Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 2:16-32 Ibhayibhile (XHO96)

16. Umfana ngamnye wayebamba lowo akhuphisana naye entloko, amgwaze ngekrele ephangweni. Loo nto ke yatsho bafa kunye bonke. Loo ndawo ke eGibheyon kuthiwa yiHelekati-hazurim.

17. Kwavuka idabi elibi ngaloo mini, uAbhinere neqela lakwaSirayeli boyiswa ngamadoda ecala likaDavide.

18. Babelapho oonyana abathathu bakaZeruya: uJowabhi, noAbhishayi, kunye noAsayeli. Yayingengomendu kuAsayeli, wayeyimbabala.

19. Wasuka wangqala ngqo ngoAbhinere emleqa.

20. Akuthi krwaqu ngasemva uAbhinere wabona uAsayeli, wathi: “Ingaba nguwe lowo, Asayeli?”“Ndim kanye,” utshilo uAsayeli.

21. UAbhinere wathi: “Sukusukela mna, mfondini. Leqa, naliya ijoni, uthathe amaxhoba lawo liwaphetheyo.” Akayihoyanga loo nto yena uAsayeli, wasuka wee ngcembe emva koAbhinere.

22. Uphindile uAbhinere wathi kuAsayeli: “Mfondini, ndithi ndiyeke; sukundisukela. Ufuna ndide ndikwenzakalise? Khona ndingajongana njani nomntakwenu uJowabhi?”

23. Kodwa wala uAsayeli. Usuke uAbhinere wabinza ngasemva, wamthi gobho esiswini ngomkhonto, watsho waya kugqobhozela emqolo loo mkhonto. Wajuba wawa uAsayeli, wafela kuloo ndawo. Wonke umntu osondela kuloo ndawo wayefele kuyo uAsayeli, wayefika eme nematha.

24. Kwasuka uJowabhi noAbhishayi, bamsukela uAbhinere. Kuthe kwakuhlwa bafika endulini yaseAma ekhangelene neGiya kuloo ndlela ibheka kwinkangala yaseGibheyon.

25. Amadoda akwaBhenjamin ahlanganisana, azibandakanya noAbhinere, ema ndawonye phezu kwenduli.

26. UAbhinere wamemeza wathi kuJowabhi: “Mfondini, liya kudla kude kube nini na ikrele? Akuqondi na wena ukuba le nto iza kugqibela sekukho intiyo phakathi kwethu, ukanti ningabantakwethu? Nakuyeka nini kodwa ukusukelana nathi?”

27. Uphendule ngelithi uJowabhi: “Ekho nje uThixo, inene, ukuba ubungathethanga besiza kunileqa kude kuse.”

28. Wavuthela isigodlo sakhe emva koko uJowabhi, exelela amadoda akhe ukuba ayeke ukuwasukela amaSirayeli. Waphela ke njalo umlo.

29. UAbhinere namadoda akhe bahamba ubusuku bonke, betyhutyha loo ntili yaseJordan. Bayiwela ngengomso iJordan, sebehambe intsasa yonke, baya kugaleleka eMahanayim.

30. Uthe akuwaqokelela amadoda akhe uJowabhi, emva kokusukela amaSirayeli, kwafumaneka kulahleke ishumi elinethoba lamadoda ngaphandle kuka-Asayeli.

31. Iqela likaDavide lona labulala amakhulu amathathu namashumi amathandathu kumadoda akwaBhenjamin awayenoAbhinere.

32. UJowabhi namadoda akhe bawuthatha umzimba ka-Asayeli, baya kuwungcwabela eBhetelehem kumangcwaba akowabo. Emva koko bahamba ubusuku bonke, bada baya kutsho eHebron xa kumpondo zankomo ngengomso.

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 2