Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 18:28-33 Ibhayibhile (XHO96)

28. UAhimazi wabhekisa kukumkani wathi: “Izinto zihamba kakuhle!” Wafika wakhahlela ejongise ubuso emhlabeni, wathi, “Mbonge uNdikhoyo uThixo wakho! Uboyisile abo bebeyivukela inkosi yam ukumkani!”

29. Ukumkani wathi: “Ngaba usindile umfana uAbhasalom?”Uphendule wathi uAhimazi: “Mhlekazi, ngokuya bendithunywa nguJowabhi iphakathi lakho, ndibone kukho isiphithi-phithi, phofu andingetsho ukuba bekutheni na.”

30. Ukumkani wathi: “Khawume bucala ulinde.” Wahamba ke, waya kuma bucala.

31. Ke kaloku wafika umKushe, wathi kukumkani: “Ndize neendaba zovuyo, mhlekazi, nkosi yam! Namhlanje uNdikhoyo ukugwebele waboyisa bonke abo bebekuvukela.”

32. Ukumkani wathi kumKushe: “Yena umfana uAbhasalom usindile phofu?”UmKushe wathi: “Mhlekazi, bendinga into emhleleyo unyana wakho ibinga ingenzeka kuzo zonke iintshaba zakho, nakwabo bakuvukelayo.”

33. Ukumkani waba nengevane, wenyuka waya kwigumbi eliphezu kwesango, wafika walila. Wayehamba elila, esithi: “Yini umntwana wam! Awu, nyana wam Abhasalom, nyana wam Abhasalom! Akwaba ibindim ofileyo, Abhasalom, nyana wam, nyana wam!”

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 18