Ke kaloku wafika umKushe, wathi kukumkani: “Ndize neendaba zovuyo, mhlekazi, nkosi yam! Namhlanje uNdikhoyo ukugwebele waboyisa bonke abo bebekuvukela.”