Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 9:5-19 Ibhayibhile (XHO96)

5. Bathe bakufika kummandla waseZufi, uSawule wathi kwisicaka awayehamba naso: “Mfondini, ndithi mna masigoduke ngoku. Ngahle ubawo akasacingi ngazidonki ngoku, selenexhala ngathi.”

6. Sithe isicaka: “Khawume! Apha kule dolophu kukho umfo wakwaThixo ohlonitshwe kakhulu nothi akuzithetha izinto zibe njengoko atshiloyo. Makhe siye kuye; mhlawumbi ke nathi angasibeka emkhondweni.”

7. USawule uthe: “Mfondini, uthi siya kumnika ntoni? Asisenamphako nasezingxoweni; asinanto sinayo konke esingamnikayo umfo wakwaThixo lo. Ngaba sinento esinayo na?”

8. Sithe isicaka ukuphendula: “Ndinabumalana apha kum endingamnika bona ukuze asibeke emkhondweni.”

9-11. Uthe uSamweli: “Ngxatsho ke! Utsho endodeni; masiye!” Baya ke kuloo dolophu kwakuhlala kuyo lo mfo wakwaThixo. Bathi besanyuka induli bejonge edolophini, bahlangana negqiza leentombi ezaziya kukha amanzi. Babuza kuzo bathi: “Ngaba imboni ikho na edolophini?” (Kaloku ngaloo maxesha *abashumayeli kwakusithiwa ziimboni.)

12. Zathi ezo ntombi: “Ewe, ikhona. Yandulela nina. Khawulezani. Isandul' ukufika namhlanje apha edolophini. Ize kulaa msebenzi wokwenza idini phaya endulini.

13. Ukuba niyasukela, noyifumana ingekanyuki phaya kulaa nduli ukuya kutya. Akusayi kutya bani ingekafiki yona. Kaloku kufuneka idini lisikelelwe yiyo kuqala, bandule abamenyiweyo ukutya. Sukelani ke, ningaphozisi maseko; noyifumana.”

14. Basukela ooSamweli nesicaka ukusinga edolophini. Bathe bakungena baqubisana noSamweli esendleleni eya endulini.

15. Kwangomhla ongaphambi kwalowo *uNdikhoyo wayeseletyhilele uSamweli esithi:

16. “Malunga neli xesha kanye ngomso ndiza kuthumela kuwe umfana ovela kwelakwaBhenjamin. Uze umthambise abe ngumlawuli wabantu bam amaSirayeli. Iza kuba nguye oya kubakhulula kumaFilistiya. Ndiyibonile inkxwaleko yabantu bam, ndasiva nesikhalo sabo.”

17. Wathi uSamweli akumthi ntla uSawule, uNdikhoyo wathi kuye: “Nguloo mfana ke lowo bendithetha ngaye. Nguye oza kulawula abantu bam.”

18. Wasuka uSawule waya kuSamweli owayesesangweni, wafika wathi: “Khawutsho, bawo, singayifumana phi imboni apha?”

19. Uphendule ngelithi uSamweli: “Ndim loo mboni. Hambani apha phambi kwam, siye phaya kulaa ndawo kunqulelwa kuyo, nidle kunye nam namhlanje. Loo nto nize ngayo ndoyichaza ngomso, ndinikhulule ke, nihambe.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 9