Banduluka ke abafana, bacanda kwaEfrayim kweleenduli, bawutyhutyha nommandla waseShalisha, abazifumana noko. Bajika baya kucanda nakummandla waseShalim, nalapho abazibona. Babuya bawutyhutyha ummandla wakwaBhenjamin, kodwa nalapho azabikho.