Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 9:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku kwakukho indwalutho yakwaBhenjamin eyayinguKishe igama, unyana ka-Abhiyeli, kaZerore, kaBhekorati, ka-Afiya.

2. UKishe wayenonyana ogama linguSawule, igatyana lenzwana yomfana.Lo mfana wayesukile egadeni evela kuwo onke amaSirayeli.

3. Ke kaloku kwalahleka iidonki zikaKishe uyise kaSawule. UKishe wabiza uSawule, wathi kuye: “Hamba kunye nesinye isicaka, uye kufuna iidonki zam, mfo wam.”

4. Banduluka ke abafana, bacanda kwaEfrayim kweleenduli, bawutyhutyha nommandla waseShalisha, abazifumana noko. Bajika baya kucanda nakummandla waseShalim, nalapho abazibona. Babuya bawutyhutyha ummandla wakwaBhenjamin, kodwa nalapho azabikho.

5. Bathe bakufika kummandla waseZufi, uSawule wathi kwisicaka awayehamba naso: “Mfondini, ndithi mna masigoduke ngoku. Ngahle ubawo akasacingi ngazidonki ngoku, selenexhala ngathi.”

6. Sithe isicaka: “Khawume! Apha kule dolophu kukho umfo wakwaThixo ohlonitshwe kakhulu nothi akuzithetha izinto zibe njengoko atshiloyo. Makhe siye kuye; mhlawumbi ke nathi angasibeka emkhondweni.”

7. USawule uthe: “Mfondini, uthi siya kumnika ntoni? Asisenamphako nasezingxoweni; asinanto sinayo konke esingamnikayo umfo wakwaThixo lo. Ngaba sinento esinayo na?”

8. Sithe isicaka ukuphendula: “Ndinabumalana apha kum endingamnika bona ukuze asibeke emkhondweni.”

9-11. Uthe uSamweli: “Ngxatsho ke! Utsho endodeni; masiye!” Baya ke kuloo dolophu kwakuhlala kuyo lo mfo wakwaThixo. Bathi besanyuka induli bejonge edolophini, bahlangana negqiza leentombi ezaziya kukha amanzi. Babuza kuzo bathi: “Ngaba imboni ikho na edolophini?” (Kaloku ngaloo maxesha *abashumayeli kwakusithiwa ziimboni.)

12. Zathi ezo ntombi: “Ewe, ikhona. Yandulela nina. Khawulezani. Isandul' ukufika namhlanje apha edolophini. Ize kulaa msebenzi wokwenza idini phaya endulini.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 9