Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 25:29-39 Ibhayibhile (XHO96)

29. Xa kukho bani ukuhlaselayo efuna ukukubulala, uNdikhoyo uThixo wakho wokukhusela, axel' indoda elinde indyebo yayo. Zona iintshaba zakho uNdikhoyo wozithi jwi-jwi okwamatye ajiwulwa *ngenkwitshi.

30. Akuba uNdikhoyo ekufezekisile konke okulungileyo akuthembise kona, wakumisela waba ngolawulayo kwaSirayeli,

31. okwenzekileyo namhlanje akuyi kuba sisizathu sokuba ukhubeke okanye uzisole ngento yokuphalaza igazi elimsulwa uziphindezela. Nam ke, mhlekazi, uze ungandilibali xa athe wakuthamsanqela uNdikhoyo.”

32. Uphendule ngelithi uDavide: “Makabongwe uNdikhoyo uThixo kaSirayeli othe wakuthumela ukuba undihlangabeze namhlanje!

33. Makabongwe uThixo okuphe loo ngqondo ube nayo, ukuze wenze le nto indivalelayo, ukuze ndingenzi bugwinta ngokuziphindezela ngezam izandla.

34. Ewe, nguNdikhoyo lo undinqandileyo ukuba ndingamenzakalisi uNabhali. Kambe ndifunga uThixo kaSirayeli ukuba, xa ubungakhawulezanga wandikhawulela, ngengomso ibiya kuba ifile yonke into eyindoda kwaNabhali.”

35. UDavide wazamkela ezo zipho awayeze nazo uAbhigeli, waza wathi: “Hamba ngoxolo ugoduke. Ndikuvile, yaye ndosenza isicelo sakho.”

36. Wagoduka ke uAbhigeli, ebuyela kuNabhali, owayenze itheko elifana nelekumkani. Wayeshushu umfo, watsho wayimvuzemvuze bububele. UAbhigeli ke akazanga abe samxelela nto kwada kwangegomso.

37. Wathi akuqabuka uNabhali, wandula uAbhigeli ukumbalisela konke akwenze ngezolo. Wasuka wafa umzimba wasisigogo.

38. Kwathi emva kwemihla elishumi uNdikhoyo wambetha uNabhali, wasweleka.

39. Zathi zakufika kuDavide iindaba zokuba uNabhali akasekho, wavakala esithi: “Makabongwe uNdikhoyo ondilamleleyo kwimbambano yam noNabhali owandenzela ulunya. Mna sicaka sakhe uNdikhoyo wandinqanda ekwenzeni ububi, baza ubugwenxa bukaNabhali babuyekezelwa kwakuye.”Emva koko uDavide wathumelisa kuAbhigeli emcela ukuba abe ngumkakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 25