Zathi zakufika kuDavide iindaba zokuba uNabhali akasekho, wavakala esithi: “Makabongwe uNdikhoyo ondilamleleyo kwimbambano yam noNabhali owandenzela ulunya. Mna sicaka sakhe uNdikhoyo wandinqanda ekwenzeni ububi, baza ubugwenxa bukaNabhali babuyekezelwa kwakuye.”Emva koko uDavide wathumelisa kuAbhigeli emcela ukuba abe ngumkakhe.