Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 20:4-18 Ibhayibhile (XHO96)

4. Kwesi sithuba ke uJonatan uthe kuDavide: “Yitsho ndikwenzele nantoni na oyifunayo.”

5. Wenjenje ke ukuphendula uDavide: “Ngomso oku ngumsitho wokuthwasa kwenyanga, yaye ke kufuneka ndibekho esidlweni sikakumkani. Nceda undikhulule ndiye kuzimela endle kude kube ngokuhlwa kwangomsomnye.

6. Xa uyihlo ephawula ukuba andikho, uze uthi kuye: ‘UDavide undibongozile ukumvumela khe athi tsi kowabo eBhetelehem, abekho xa kusenziwa idini lonyaka elenzelwa onke amawabo.’

7. Ukuba uthe kulungile, úya kuba enoxolo ngakum. Kodwa ukuba uthe wacaphuka, uze wazi ukuba uzimisele ukundenzakalisa.

8. Uze uncede ke uwugcine umnqophiso owandenzela wona phambi koNdikhoyo, usenzele ububele isicaka sakho. Kodwa ukuba ngenene ndinetyala, ndibulale ngokwakho; akukho nto ithi mandisiwe kuyihlo.”

9. “Unotshe!” kutsho uJonatan. “Ucinga ukuba ngendingakuxelelanga na xa bendisazi ukuba ubawo uzimisele ukukwenzakalisa?”

10. “Ngubani kakade owondazisa xa uyihlo ekuphendule kalukhuni?” wabuza uDavide.

11. “Makhe siye ngasendle,” kutsho uJonatan. Bahamba ke kunye,

12. waza uJonatan wathi kuDavide: “Ekho nje uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ngeli xesha ngomsomnye ndakuba sendiyiphandile le nto kubawo. Ndokwazisa xa ndimfumene engenandawo ngakuwe.

13. Kanti ke ukuba uzimisele ukukwenzakalisa, ndize mna ndingakuxeleli khon' ukuze ubaleke, aze andohlwaye mna lo uNdikhoyo. UNdikhoyo makabe nawe kanye njengoko wayenobawo!

14. Ukuba mna ndisaphila, uze uthembeke kum oku kukaNdikhoyo, kodwa xa ndithe ndafa,

15. uze uhlale unaloo ntembeko kusapho lwam ngalo lonke ixesha, naxa uNdikhoyo selezitshabalalisile iintshaba zakho kulo lonke ihlabathi.”

16. UJonatan wanqophisana nomzi kaDavide, esithi: “Maze uNdikhoyo aziphindezele kwiintshaba zikaDavide.”

17. UJonatan wabuya wamfungisa uDavide ukuba amthande, kuba yena wayemthanda uDavide ngomphefumlo wakhe wonke.

18. Uqhube wathi uJonatan: “Ngomso sisidlo sokuthwasa kwenyanga, yaye kuza kubonakala ukuba akukho. Kaloku indawo yakho iya kuba ingenamntu.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 20