Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 20:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva koko uDavide wasaba eNayoti eRama, wabalekela kuJonatan. Ufike wabuza wathi: “Ngaba yintoni le ndenze yona kukumkani? Ndenze tyala lini? Ndimone ngani na uyihlo le nto afun' ukundibulala?”

2. UJonatan wenjenje ukuphendula uDavide: “Soze ubulawe! Uyazi ukuba akukho nto akhe ayenze ubawo, nokuba inkulu, nokuba incinane, engandityandelanga igila. Ubengathini ke ukungandixeleli into enjengale uyithethayo? Hayi, akukho nto injalo.”

3. Wafunga uDavide, wathi: “Kaloku uyihlo uyazi kakuhle ukuba undithanda kakhulu, waza ke wayifihla le nto kuwe yokuceba ukundibulala, esithi: ‘UJonatan makangakwazi oku, kuba woba buhlungu.’ Kodwa ndithi kuwe, ekho nje *uNdikhoyo, nawe ukho nje, lona ingcwaba sendilikrobile!”

4. Kwesi sithuba ke uJonatan uthe kuDavide: “Yitsho ndikwenzele nantoni na oyifunayo.”

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 20