Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 17:2-22 Ibhayibhile (XHO96)

2. USawule namajoni amaSirayeli aya kudibanela entlanjeni ekuthiwa yeyom-oki, ayimisa apho eyawo ikampu, ema ngokwezintlu zawo, alungela idabi namaFilistiya.

3. AmaFilistiya ema endulini, amaSirayeli ema kwenye, kukho intlambo phakathi kwemikhosi yawo.

4. Kwavela umfo othile oyintshatsheli ogama linguGoliyati, wedolophu yaseGati, esuka kwikampu yamaFilistiya. Wayephantse ukuba ziimitha ezintathu ubude,

5. egaxele isikhuselo esenziwe ngobhedu, esasimalunga namashumi amahlanu eekhilogram ubunzima, ethwele umnqwazi wobhedu.

6. Imilenze nayo yayikwakhuselwe ngobhedu, exwaye intshuntshe yobhedu.

7. Umkhonto wawungangesibonda, ubutsolo bawo obenziwe ngentsimbi bumalunga nesixhenxe seekhilogram ubunzima. Wayenomfo othwala ikhaka lakhe ehamba ngaphambi kwakhe.

8. UGoliyati wema bhuxe, wakhwaza ebhekisa kwizintlu zamaSirayeli, wathi: “Wa, zicakandini zikaSawule, nenzani apho? Makuliwe! NdingumFilistiya mna; mayiphume ngapha ibe nye, sigagane.

9. Ukuba indoyisile yandibulala, soba zizicaka zenu thina. Xa indim owoyisileyo, nina noba zizicaka zethu.

10. Ndim lo, ndinibeka ehlazweni, maSirayeli. Khuphani indoda ibe nye, sihlangane!”

11. Boyika, bagubha ooSawule namadoda omkhosi wakhe, bakuyiva into ethethwa nguloo mFilistiya.

12. UDavide wayengunyana kaJese umEfrata waseBhetelehem kwaJuda. UJese wayenoonyana abasibhozo. Wayeselemdala kakhulu ngexesha ekwakulawula uSawule.

13. Oonyana bakhe abakhulu abathathu baya emfazweni kunye nomkhosi kaSawule. Omkhulu yayinguEliyabhi, kuze uAbhinadabhi, kulandele uShama.

14. UDavide yena wayenguntondo. Lo gama abakhuluwa bakhe babenoSawule,

15. yena uDavide wayedla ngokuthi ekwaSawule abe emana egoduka aye eBhetelehem, esiya kwalusa iigusha zikayise.

16. Yaba ngamashumi amane eentsuku uGoliyati mihla le ecela umngeni kumaSirayeli kusasa nangokuhlwa.

17. UJese wathuma unyana wakhe uDavide, wathi: “Hamba nale ngqolowa igcadiweyo, ishumi leekhilogram, neli shumi lezonka, ukhawuleze uzise kubantakwenu emkhosini,

18. uphathele umphathi-butho nala maqebengwana alishumi etshizi, usivele ukuba basaphila na abantakwenu. Uze ube nento oza nayo, eyoba bubungqina bokuba basaphila.

19. Ukumkani Sawule nabantakwenu, kunye nomkhosi wonke wamaSirayeli, nabaya kulaa ntili yom-oki, besilwa namaFilistiya.”

20. Wavuka ekuseni uDavide ngengomso, wayishiya nomnye umalusi impahla. Waya kulanda ukutya awayekuthunyiwe nguJese uyise, wanduluka. Ufike ekampini yomkhosi xa kanye amaSirayeli alungiselela idabi, ehlaba intlaba-mkhosi yawo.

21. AmaSirayeli namaFilistiya amisa izintlu, agolozelana.

22. Oko kutya wayekuphethe uDavide wakushiya kumgcini-mithwalo, wagqotsa ukuya apho kuza kuliwa khona. Akufika wabulisa abantakwabo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 17