1. Wesuka ke uEliyashibhi umbingeleli omkhulu, nabazalwana bakhe ababingeleli, balakha isango lempahla emfutshane; balingcwalisa bona; bazimisa iingcango zalo, bákha besa enqabeni ende yeMeha, bayingcwalisa, besa enqabeni ende kaHananeli.
2. Ngakuye kwakusakha amadoda aseYeriko; ngakuwo kwakusakha uZakure unyana kaImri.
3. Oonyana bakaSenaha balakha isango leentlanzi; bona balihlanganisa ngemiqadi; bazifaka iingcango zalo, nezitshixo zalo, nemivalo yalo.
4. Ngakubo kwakulungiswa nguMeremoti unyana kaUriya, unyana kaHakotse; ngakubo kulungiswa nguMeshulam unyana kaBherekiya, unyana kaMeshezabheli; ngakubo kulungiswa nguTsadoki unyana kaBhahana;
5. ngakubo kulungiswa ngabaseTekowa; ke iingangamsha zabo azizingenisanga zona iintamo zazo enkonzweni yeNkosi yazo.
6. Isango lodonga oludala lalilungiswa ngoYoyada unyana kaPaseha, noMeshulam unyana kaBhesodiya; bona balihlanganisa ngemiqadi; bazifaka iingcango zalo nezitshixo zalo nemivalo yalo.
7. Ngakubo kwakulungiswa nguMelatiya waseGibheyon, noYadon waseMeronoti, namadoda aseGibheyon nawaseMizpa; kwesa esihlalweni sebamba langaneno koMlambo.*
8. Ngakuye kwakulungiswa ngu-Uziyeli unyana kaHarehaya, weengcibi zegolide; ngakuye kulungiswa nguHananiya unyana wabaqholi; bayakha iYerusalem, basa eludongeni olubanzi.