1. Esililini sam ebusuku ndamfuna lowo uthandwa ngumphefumlo wam;Ndamfuna andamfumana.
2. Ndathi, Ndokha ndivuke, ndijikajike phakathi komzi,Ezindaweni zembutho nasezitratweni;Ndiya kumfuna lowo uthandwa ngumphefumlo wam.Ndamfuna andamfumana.
3. Abalindi abajikajika phakathi komzi bandifumana;Ndathi kubo, Khe nambona na lowo uthandwa ngumphefumlo wam?
4. Ndithe ndisandula ukudlula kancinane kubo,Ndamfumana lowo uthandwayo ngumphefumlo wam;Ndambamba, andamyeka,Ndada ndamzisa endlwini kama,Engontsini yowandikhawulayo.
5. Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisaAmabhadikazi namaxhamakazi asendle,Ukuba ningàluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando,Lude luthande.
6. Ngubani na lo, unyuka evela entlango njengemiqulu yomsi,Eqhunyiselwa ngemore* nentlaka emhlophe,Ithatyathwe emigutyeni yonke yomrhwebi?
7. Yabona, sisingqengqelo sikaSolomon,Siphahlwe ngamagorha angamashumi amathandathuKumagorha akwaSirayeli.