1. Wababiza ke uYakobi oonyana bakhe, wathi,Zihlanganiseni ndinixelele okuya kunihlela ngemihla yokugqibela.
2. Qukanani, niphulaphule, nyana bakaYakobi,Niphulaphule uSirayeli uyihlo.
3. Rubhen, wena mazibulo am, mandla am, ngqalo yokuqina kwam,Ncamisa yokuphakama, ncamisa yegunya,
4. Uxhaphazelayo njengamanzi, akusayi kuba ncamisa kunje;Kuba wenyukayo waya esililini sikayihlo,Wangcolisa oko, wenyuka waya emandlalweni wam.