22. UZila uthe naye wazala uTubhalekayin, obekhanda yonke impahla enobukhali yobhedu nesinyithi; udade woTubhalekayin ebenguNahama.
23. Wathi uLameki kubafazi bakhe,Ada noZila, liveni ilizwi lam!Bafazi bakaLameki, phulaphulani intetho yam!Sendibulele indoda ngenxa yenxeba lam,Nendodana ngenxa yomvumbo wam;
24. Xa uKayin aya kuphindezelwa kasixhenxe,Yena uLameki uya kuphindezelwa kamashumi osixhenxe anesixhenxe.
25. UAdam wabuya wamazi umkakhe, wazala unyana, wathi igama lakhe nguSete,* kuba wathi, UThixo undimisele enye imbewu esikhundleni sika-Abheli owabulawa nguKayin.
26. USete naye wazalelwa unyana, wathi igama lakhe nguEnoshe. Kwaqalwa oko ukunqulwa igama likaYehova.