Baya bonke abantu belizwe endlwini kaBhahali,* bayidiliza; izibingelelo zakhe nemifanekiso yakhe bayiqhekeza kwaphela. Bambulala uMatan, umbingeleli kaBhahali, phambi kwesibingelelo. Umbingeleli wamisa abaveleli endlwini kaYehova.