Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 11:14-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wakhangela, nanko ukumkani emi endaweni ephakamileyo ngokwesiko, nabathetheli nabavutheli ngamaxilongo bengakukumkani; abantu bonke belizwe bevuya, bevuthela amaxilongo. Wazikrazula iingubo zakhe uAtaliya, wakhala wathi, Licebo!

15. UYehoyada umbingeleli wabawisela umthetho abathetheli-makhulu, abaveleli bempi leyo, wathi kubo, Mkhupheleni phandle phakathi kwezintlu; omlandelayo makabulawe ngekrele. Ngokuba ubesithi umbingeleli, makangabulawelwa endlwini kaYehova.

16. Bamkhwelela ngeenxa zombini. Waya endlwini yokumkani ngendlela yokungena kwamahashe, wabulawelwa khona.

17. Wawenza uYehoyada umnqophiso phakathi koYehova nokumkani nabantu, ukuba babe ngabantu bakaYehova; naphakathi kokumkani nabantu.

18. Baya bonke abantu belizwe endlwini kaBhahali,* bayidiliza; izibingelelo zakhe nemifanekiso yakhe bayiqhekeza kwaphela. Bambulala uMatan, umbingeleli kaBhahali, phambi kwesibingelelo. Umbingeleli wamisa abaveleli endlwini kaYehova.

19. Wabathabatha abathethelimakhulu, nabancinithi, nezigidimi, nabantu bonke belizwe, behla nokumkani endlwini kaYehova, baya endlwini yokumkani ngendlela yesango lezigidimi. Wahlala ke etroneni yokumkani.

20. Bavuya bonke abantu belizwe; wazola umzi; kuba babembulele uAtaliya ngekrele endlwini yokumkani.

21. UYowashe ubeminyaka isixhenxe ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 11