1. Mbongen' *uNdikhoyo!Bambani ngazibini kuba ulungile uNdikhoyo.Kaloku izibele zakhe ziya kuhlala zikho ngonaphakade.
2. Ngubani onokubalisa ngezenzo ezidumileyo zikaNdikhoyo;ingubani onokumbonga ngokufezekileyo?
3. Hay' uyolo lwabo bathobela imithetho yakhe;nditheth' abo bahlala besenza okulungileyo.
4. Uzundikhumbule, Ndikhoyo, xa ubonelel' abantu bakho;ungandishiyi, Ndikhoyo, xa ubahlangulayo.
5. Nam maze ndiyibon' inkqubela yabanyulwa bakho,ndize ndivuye kunye nabantu bakho,ndilixhamle ibhongo neqhayiya labantu bakho.
6. Nathi sone njengookhokho,sikwenzile ukungcola nobubi.
7. Xa babeseJiputa oomawokhuluzange bazinanze izenzo zakhw' ezidumileyo;bazilibala izibele zakho,basuka bamvukel' uPhezukonke kuLwandl' oluBomvu.
8. Kodwa wabahlangula uNdikhoyo ngenxa yegama lakhe,khon' ukuze bawaqonde amandla akhe.
9. Wawis' izwi, lwaza loma qoko uLwandle oluBomvu;wabaweza kuloo nzonzobila,banga bahamb' enkangala.
10. Wenjenjal' ukubakhulula esandleni sotshaba;wabahlangula kubabandezeli babo.
11. Zagutyungelwa ngamanzi iintshaba zabo,akwasinda namnye kuzo.