Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 7:32-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. AbaFarisi beva abantu bezikrokrela ezi zinto ngaye; baza abaFarisi nababingeleli abakhulu bathuma amadindala, ukuba ambambe.

33. Wathi ngoko uYesu kuwo, Liselixesha elifutshane endinani, ndizè ndiye kowandithumayo.

34. Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina.

35. Athi ngoko amaYuda phakathi kwawo, Úza kuya phi na lo, le nto singayi kumfumana thina? Angaba uza kuya kwiintsali ezikumaGrike, afundise amaGrike, yini na?

36. Liyintoni na eli lizwi alithethileyo, lithi, Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina?

37. Ke kaloku, ngomhla wokugqibela, ongowona mkhulu womthendeleko, wema uYesu, wadanduluka esithi, Ukuba kukho othi anxanwe, makeze kum asele.

38. Lowo ukholwayo kum, njengoko satshoyo isibhalo, kuya kumpompoza imilambo yamanzi aphilileyo, iphuma embilinini wakhe.

39. Oku wakutsho ke ngaye uMoya, ababeza kumamkeliswa abo bakholwayo kuye; kuba ebengekamkelwa uMoya oyiNgcwele; ngokuba uYesu ebengekazukiswa.

40. Yaye ngoko into eninzi esihlweleni, yakuliva ilizwi elo, isithi, Lo nguye umprofeti, inyaniso. Babesithi abanye, Lo nguye uKristu*.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 7