Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 4:10-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Waphendula uYesu wathi kuyo, Ukuba ubusazi isipho sikaThixo, nokuba ngubani na lo uthi kuwe, Ndiphe ndisele: unge ucele kuye wena, wakùpha amanzi aphilileyo.

11. Ithi intokazi kuye, Nkosi, akunanto yakukha, nequla linzulu; uwazuza phi na ke amanzi aphilileyo lawo?

12. Wena umkhulu yini na kunobawo wethu uYakobi, owasinikayo iqula eli, wayesela kulo yena, nabantwana bakhe, nemfuyo yakhe?

13. Waphendula uYesu wathi kuyo, Bonke abasela kula manzi, baya kubuya banxanwe;

14. ke yena othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona mna, akasayi kuza anxanwe naphakade; aya kusuka amanzi, endiya kumpha wona, abe ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade.

15. Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiphe loo manzi, ukuze ndinganxanwa, ndingezi nokuza kukha apha.

16. Athi uYesu kuyo, Hamba uye kubiza indoda yakho, uze apha.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 4