Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 4:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ithe ngoko iNkosi, yakwazi ukuba abaFarisi bavile ukuba uYesu ugqithisile kuYohane ngokwenza nokubhaptiza abafundi

2. (nakubeni ke uYesu ngokwakhe ebengabhaptizi, bekubhaptiza abafundi bakhe),

3. yalishiya yona elakwaYuda, yabuya yaya kwelaseGalili.

4. Ibimelwe ke kukuthi icande kwelamaSamariya.

5. Ifike ke emzini welamaSamariya ekuthiwa yiSikare, kufuphi nomhlaba awathi uYakobi wawunika uYosefu unyana wakhe.

6. Ke kaloku umthombo kaYakobi ubukhona.Uthe ke ngoko uYesu, ebulalekile kukuhamba, wahlala enjalo phezu komthombo; ilixa ngathi belilelesithandathu.

7. Kufika intokazi yelamaSamariya, isiza kukha amanzi, athi uYesu kuyo, Ndiphe ndisele.

8. (Kuba abafundi bakhe bebemke baya kuthenga ukudla emzini apho.)

9. Ithi ngoko intokazi engumSamariyakazi kuye, Ùthini na wena, ungumYuda nje, ukucela kum into eselwayo, ndingumSamariyakazi nje? Kuba akanabudlelane amaYuda namaSamariya.

10. Waphendula uYesu wathi kuyo, Ukuba ubusazi isipho sikaThixo, nokuba ngubani na lo uthi kuwe, Ndiphe ndisele: unge ucele kuye wena, wakùpha amanzi aphilileyo.

11. Ithi intokazi kuye, Nkosi, akunanto yakukha, nequla linzulu; uwazuza phi na ke amanzi aphilileyo lawo?

funda isahluko epheleleyo Uyohane 4