Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 20:21-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Uxolo malube nani; njengokuba uBawo endithumile mna, nam ndiyanithuma nina.

22. Akutsho wabaphefumlela, wathi kubo, Yamkelani uMoya oyiNgcwele;

23. abazono nithe nazixolela, bazixolelwe; nabazono nithe nazibamba, zibambekile.

24. Ke kaloku uTomas, omnye kwabalishumi elinababini, okuthiwa nguDidimo,* wayengenabo oko wafikayo uYesu.

25. Babesithi ngoko kuye abanye abafundi, Siyibonile iNkosi. Wathi ke yena kubo, Ukuba andithanga ndilibone inxeba lezikhonkwane ezandleni zayo, ndiwufake umnwe wam enxebeni lezikhonkwane, ndisifake isandla sam ecaleni layo, andisayi kukholwa.

26. Baye emveni kweentsuku ezisibhozo bekwangaphakathi abafundi bakhe; wayenabo noTomas. Afike uYesu, zakubon' ukuba zivaliwe iingcango, eme phakathi, athi, Uxolo malube nani.

27. Andule athi kuTomas, Ethe apha umnwe wakho, uzibone izandla zam; ethe isandla sakho, usifake ecaleni lam; musa ukuba ngongakholwayo, yiba ngokholwayo.

28. Uphendule uTomas, wathi kuye, Nkosi yam, Thixo wam!

29. Athi uYesu kuye, Ngokuba undibonile, Tomas, ukholiwe. Banoyolo abo bangabonanga, bakholwa noko.

30. Mininzi ke okunene neminye imiqondiso awayenzayo uYesu emehlweni abafundi bakhe, engabhalwanga kuyo le ncwadi;

31. kodwa le ibhalelwe ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye uKristu,* uNyana kaThixo, nokuze nithi, nikholwa, nibe nabo ubomi egameni lakhe.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 20