Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 18:25-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Ke kaloku uSimon Petros wayemi esotha; bathi ngoko kuye, Ingaba nawe ungowabafundi bakhe yini na? Wakhanyela yena wathi, Andinguye.

26. Athi omnye umkhonzi wombingeleli omkhulu, osisalamane salowo uPetros wamnqamla indlebe, Andikubonanga mna yini na emyezweni unaye?

27. Wabuya ke wakhanyela uPetros. Yasuka yalila kwaoko inkuku.

28. Bamsusa ngoko uYesu kuKayafa, bamsa kwindlu yerhuluneli; bekukusasa ke oko; bona abangenanga endlwini yerhuluneli, ukuze bangadyobheki, ukuze bayidle ipasika.*

29. Waphuma ke uPilato waya kubo, wathi, Nimisa tyala lini na kuye lo mntu?

30. Baphendula bathi kuye, Ukuba ebengenguye umenzi wobubi yena, singe singamnikelanga kuwe.

31. Wathi ngoko uPilato kubo, Mthabatheni nina, nimgwebe ngesiko lenu. Athi ngoko amaYuda kuye, Akuvumelekile kuthi ukuba sibulale umntu;

32. ukuze ilizwi likaYesu lizaliseke awalithethayo, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako.

33. Wabuya ngoko wangena uPilato endlwini yerhuluneli, wambiza uYesu, wathi kuye, Wena unguye na uKumkani wamaYuda?

34. Umphendule uYesu, wathi, Uyithetha le nto iphuma kuwe, wayixelelwa ngabanye ngam, sini na?

35. Waphendula uPilato wathi, Kanene, mna ndingumYuda na? Luhlanga lwakowenu nababingeleli abakhulu abakunikeleyo kum; wenzé ntoni na?

36. Waphendula uYesu wathi, Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi; ukuba bebububo obeli hlabathi ubukumkani bam, amakhonza am ange ezama, ukuze ndinganikelwa kumaYuda; ngoku ke ubukumkani bam asibobalapha.

37. Wathi ke uPilato kuye, Hina ke, ungukumkani na wena? Waphendula uYesu wathi, Nawe uthi ndingukumkani. Mna ndizalelwe oku; ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso. Bonke abangabenyaniso bayaliva ilizwi lam.

38. Athi uPilato kuye, Yintoni na yona inyaniso?Akuba etshilo, wabuya waphuma waya kumaYuda, athi kuwo, Mna andifumani nalinye ityala kuye.

39. Ke kaloku ninesiko lokuba ndinikhululele abe mnye ngepasika; ninga ke ndinganikhululela uKumkani wamaYuda na?

40. Babuya ngoko bonke bankqangaza, besithi, Mayingabi ngulo, mayibe nguBharabhas. Waye ke uBharabhas lo esisihange.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 18