Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 17:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ezi zinto wazithetha uYesu, wawaphakamisa amehlo akhe wakhangela ezulwini, wathi, Bawo, lifikile ilixa; mzukise uNyana wakho, ukuze noNyana wakho akuzukise;

2. njengokuba wamnika igunya kubantu bonke, ukuze bonke omnike bona, abanike ubomi obungunaphakade.

3. Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.

4. Mna ndikuzukisile emhlabeni, ndiwufezile umsebenzi obundinikile ukuba ndiwenze.

5. Ndízukise ke ngoku, wena Bawo, kuwe ngokwakho, ngozuko ebendinalo kuwe, lingekabikho ihlabathi.

6. Ndilibonakalisile igama lakho kubo abantu obundinike bona, bephuma ehlabathini; babengabakho, wabanika mna; ilizwi lakho balibambile ke.

7. Ngoku baqondile, ukuba zonke izinto ondinike zona zivela kuwe.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 17