Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 16:7-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Noko ke mna ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke; kuba, ndingemkanga, uMthetheleli akayi kuza kuni; ke, ndíthe ndemka, ndiya kumthumela kuni.

8. Efikile ke, uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo;

9. ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum;

10. ngenxa yobulungisa, ngokokuba ndisiya kuBawo, ize ningabi sandibona;

11. ngenxa yomgwebo, ngokokuba umphathi weli hlabathi egwetyiwe.

12. Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni, kodwa aninako ukuzithwala ngoku.

13. Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayi kuthetha okuphuma kuye, uya kuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo.

14. Yena uya kundizukisa; ngokuba eya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke.

15. Zonke ezo zinto anazo uBawo zezam; ngenxa yoko ndathi, úya kwamkela kokukokwam, aze anibikele.

16. Selilixesha elifutshane, ize ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone, ngokuba mna ndiya kuBawo.

17. Ithe ngoko inxenye yakubafundi bakhe phakathi kwayo, Yintoni na le ayithethayo kuthi, athi, Liselilixesha elifutshane, nibuye ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nize nindibone; nokuthi, Mna ndiya kuBawo?

18. Babesithi ngoko, Yintoni na le ayithethayo, athi, Lixesha elifutshane? Asiyazi into ayithethayo.

19. Wazi ngoko uYesu ukuba babethanda ukumbuza, wathi kubo, Nibuzana ngale nto na, yokuba ndithe, Selilixesha elifutshane, nize ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone?

20. Inene, inene, ndithi kuni, niya kulila nihlahlambe, ke lona ihlabathi liya kuvuya; niya kuxhalaba nina, ke ukuxhalaba kwenu kuya kuba luvuyo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 16