Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 12:41-50 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

41. Ezi zinto wazithetha uIsaya, oko wabubonayo ubuqaqawuli bakhe, wathetha ngaye.

42. Noko ke nakubo abaphathi into eninzi yakholwa kuye; kodwa ngenxa yabaFarisi yayingavumi ngamlomo, hleze ikhutshwe esikhungwini;

43. kuba babethanda uzuko oluvela ebantwini, ngaphezu kozuko oluvela kuThixo.

44. Ke yena uYesu wadanduluka wathi, Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum, ukholwa kulowo wandithumayo.

45. Lowo undibonayo, ubona owandithumayo.

46. Mna, lukhanyiso, ndifikile ehlabathini, ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni.

47. Nokuba umntu uthe weva amazwi la am, àkakholwa, mna andimgwebi; kuba andize kuligweba ihlabathi, ndizé kulisindisa ihlabathi.

48. Lowo undigibayo, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo; ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.

49. Ngokuba mna andithethanga okuphuma kum; owandithumayo, uBawo ngokwakhe, nguye owandiwisela umthetho wokuba ndithini na, nokuba ndithethe ntoni na.

50. Ndiyazi nokwazi ukuba umthetho wakhe lowo bubomi obungunaphakade. Ngoko izinto endizithethayo mna, njengoko uBawo andixeleleyo, ndenjenjalo ukuzithetha.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 12