Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 12:32-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Mna ke, ukuba ndithe ndaphakanyiswa emhlabeni, ndiya kubatsalela bonke kum.

33. (Wayesitsho ke, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako.)

34. Samphendula isihlwele sathi, Thina sivile emthethweni, ukuba uKristu* yena uhlala ngonaphakade; ùtsho ngani na wena ukuthi, UNyana woMntu umelwe kukuthi aphakanyiswe? Úngubani na lo Nyana woMntu?

35. Uthe ngoko uYesu kubo, Liselilifutshane ixesha lokuba ukhanyiso lube nani. Hambani, nisenalo nje ukhanyiso, ukuze ubumnyama bunganiqubuli; lowo uhamba ebumnyameni, akazi apho aya khona.

36. Nisenalo nje ukhanyiso, kholwani kulo ukhanyiso, ukuze nibe ngabokhanyiso.Wazithetha uYesu ezi zinto, wemka, wabazimela.

37. Ke kaloku, nakuba wayenze imiqondiso engaka phambi kwabo, abakholwanga kuye;

38. ukuze ilizwi likaIsaya umprofeti lizaliseke, awalithethayo esithi,Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu?Nengalo yeNkosi ityhileke kubani na?(UIsaya 53:1)

39. Ngenxa yoku babengenako ukukholwa, ngokuba uIsaya ubuya athi,

40. Úwamfamekisile amehlo abo,Uyiqaqadekisile nentliziyo yabo,Hleze babone ngamehlo, baqiqe ngentliziyo,Bajike,Ndibaphilise.(UIsaya 6:9,10)

41. Ezi zinto wazithetha uIsaya, oko wabubonayo ubuqaqawuli bakhe, wathetha ngaye.

42. Noko ke nakubo abaphathi into eninzi yakholwa kuye; kodwa ngenxa yabaFarisi yayingavumi ngamlomo, hleze ikhutshwe esikhungwini;

43. kuba babethanda uzuko oluvela ebantwini, ngaphezu kozuko oluvela kuThixo.

44. Ke yena uYesu wadanduluka wathi, Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum, ukholwa kulowo wandithumayo.

45. Lowo undibonayo, ubona owandithumayo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 12