Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 12:24-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba ukhozo lwengqolowa oluwe emhlabeni aluthanga lufe, lona luhlala lungabi nto; ke ukuba luthe lwafa, luthwala isiqhamo esininzi.

25. Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; lowo uwuthiyayo umphefumlo wakhe kweli hlabathi, wowulondolozela ubomi obungunaphakade.

26. Ukuba ubani uthi andikhonze, makandilandele; apho ndikhona mna, woba khona apho nondikhonzayo; ukuba umntu uthi andikhonze, uBawo wombeka.

27. Kukalokunje umphefumlo wam ukhathazekile, mandithini na? Bawo, ndisindise kweli lixa. Hayi, ndizele khona oku kweli lixa.

28. Bawo, lizukise igama lakho.Kweza ngoko izwi liphuma ezulwini, lisithi, Ndilizukisile, ndiya kubuya ndilizukise.

29. Isihlwele ngoko esasimi seva, sathi, Liyaduduma. Abanye bathi, Kuthethe isithunywa sezulu kuye.

30. Waphendula uYesu wathi, Eli lizwi alibangakho ngenxa yam; libekho ngenxa yenu.

31. Kungoku ukugwetywa kwalo eli hlabathi; kungoku umphathi walo eli hlabathi aya kukhutshelwa phandle.

32. Mna ke, ukuba ndithe ndaphakanyiswa emhlabeni, ndiya kubatsalela bonke kum.

33. (Wayesitsho ke, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako.)

34. Samphendula isihlwele sathi, Thina sivile emthethweni, ukuba uKristu* yena uhlala ngonaphakade; ùtsho ngani na wena ukuthi, UNyana woMntu umelwe kukuthi aphakanyiswe? Úngubani na lo Nyana woMntu?

funda isahluko epheleleyo Uyohane 12