Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukukhedama, lo gama umyeni asenabo? Kodwa kuya kufika mihla awothi asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila.