Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 7:3-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti akuwuqiqi wona umqadi okwelakho iliso?

4. Okanye ungáthini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi eso esweni lakho, kanti nângo umqadi kwelakho iliso?

5. Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi lowo esweni lakho, wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho.

6. Musani ukukunika izinja okungcwele, kanjalo ningaziphosi iiperile* zenu phambi kweehagu, hleze zizinyathele ngamanqina azo, zijike ziniqwenge.

7. Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa;

8. kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa.

9. Nguwuphi na umntu kuni ongáthi, ukuba unyana wakhe uthe wacela isonka, amnike ilitye?

10. Athi, ukuba uthe wacela intlanzi, amnike inyoka?

11. Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ngokubapha okulungileyo abo bamcelayo?

12. Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo; kuba oko kungumthetho nabaprofeti.

13. Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo.

14. Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 7