Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 6:20-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. ziqwebeleni ke ubutyebi emazulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angagqobhoziyo ebe;

21. kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.

22. Isibane somzimba liliso; xa sukuba iliso lakho ngoko lingenakumbi, umzimba wakho uphela wokhanyiseleka.

23. Kodwa xa sukuba iliso lakho likhohlakele, umzimba wakho uphela woba bubumnyama. Ukuba ngoko ukukhanya okukuwe kububumnyama, bungakanani na ubumnyama obo!

24. Akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le ayithande leya, athi mhlawumbi abambelele kule ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.

25. Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi nodla ntoni na; nosela ntoni na; kwanomzimba wenu, nisithi niya kwambatha ntoni na. Ubomi abungaphezulu na kuko ukudla, nomzimba awungaphezulu na kwinto yokwambatha?

26. Yondelani ezintakeni zasezulwini; ngokuba azihlwayeli, azivuni, azibutheli koovimba; ukanti ke uYihlo osemazulwini uyazondla. Nina anizidlule kakhulu na?

funda isahluko epheleleyo Umateyu 6