Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 6:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Lumkani, ubulungisa benu ningabenzeli ebusweni babantu, ngokunga ningábonwa ngabo; okanye, aninamvuzo kuYihlo osemazulwini.

2. Ngoko, xa sukuba uliza abantu, ungahlokomisi xilongo phambi kwakho, njengoko benza ngako abahanahanisi ezindlwini zesikhungu, nasezitratweni, ukuze bazukiswe ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.

3. Ke wena, xa uliza abantu, masingazi isandla sakho sokhohlo into eyenziwa sisandla sakho sokunene,

4. ukuze amalizo akho abe semfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni yena.

5. Naxa sukuba uthandaza, uze ungabi njengabahanahanisi; ngokuba bethanda ukuthandaza bemi ezindlwini zesikhungu nasezimbombeni zezitrato, ngokokuze babe nokubonwa ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.

6. Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; aze noYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni.

7. Nithandaza njalo ke, maningenzi milembelele ingeyanto, njengabeentlanga; kuba beba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.

8. Ngoko maningafani nabo; kuba ekwazi uYihlo enikusweleyo, ningekamceli.

9. Thandazani ngoko nina nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.

10. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.

11. Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla.

12. Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abo banamatyala kuthi.

13. Ungasingenisi ekulingweni, sihlangule enkohlakalweni. Ngokuba bubobakho ubukumkani, namandla, nozuko, kuse kuwo amaphakade. Amen.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 6